Iindumiso 69:11-27 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndithi ndakunxiba ezirhwexayo zokuzilandisuke ndibe ngundaba-mlonyeni.

12. Bancokola ngam ezimbuthweni;sendide ndayingoma yamanxila.

13. Kambe ke, Ndikhoyo, mna ndiyakuthandaza.Ngeli xesha lifanelekileyo, Thixo,nangenxa yendyebo yezibele zothando lwakho,khawuncede undiphendule.Ngenxa yokuthembeka kwakho ndihlangule;naku sendizika eludakeni.

14. Ndisindise ezintshabeni zam;ndikhuphe emanzini anzongonzongo.

15. Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;mandingaginywa yinzonzobila.

16. Hayi ubuhle bezibele zakho!Ndikhoyo, ndivelele undiphendule;ewe, ngokobuninzi beenceba zakho ndive!

17. Musa ukusifulathela isicaka sakho.Ndibandezelekile; nceda undiphendule.

18. Sondela undisindise;ndikhulule ezintshabeni zam.

19. Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;uyazazi zonke iintshaba zam.

20. Izinyeliso ziwaphule umoya wam;kungokunje ndivikivekile.Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!Nokuthuthuzelwa andakufumana.

21. Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;endaweni yamanzi yaba yiviniga.

22. Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,amatheko abo abe ngumgibe kubo.

23. Mabamfanyekiswe bangaboni;umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.

24. Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;mabatshiswe ngumsindo wakho.

25. Mawube linxuwa umzi wabo,makungahlali nabani kuwo,

26. kuba bayamtshutshisa ombethileyo,baphoxise ngaye omenzakalisileyo.

27. Bancine ngesona sohlwayo;mabaphoswe yinceba yakho.

Iindumiso 69