Iindumiso 69:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Awu, khawundihlangule, Thixo!Ndithe gabhu ngentamo emanzini.

2. Ndiyazika eludakeni olubizelayo,apho kungekho nokuxhathisa.Ndithe dyumpu esizibeni;umsinga uyandintywilisela.

3. Sendikhale zada zoma,kungokunje ndom' umqala;amehlo afiphele kukujong' enkalweni,ndilangazelela wena, Thixo wam.

4. Abo bandithiyileyo ngaphandle kwesizathubagqitha inani leenwele zentloko yam.Zizigantsontso ezifuna ukunditshabalalisa,ezindihlasela ngokundityhola.Ndingathini ukuhlawula ndingebanga nje?

5. Ke wena, Thixo wam, uyasazi isono sam;amatyala am' aselubala kuwe.

6. Awu, *Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,mandingabahlazisi abo bakholosa ngawe;abakulangazelelayo mabangangcikivwangenxa yam, Thixo kaSirayeli.

7. Kaloku kungenxa yakho ndinyeliswa nje;ngoku sendintywil' ehlazweni.

8. Sendaba yintlanga kumawethu;ndingumhambi kwiinto zikabawo.

9. Ke kona ukuzondelela indlu yakho kundongamele;izithuko zabakunyelisayo ziphezu kwam.

Iindumiso 69