Iindumiso 67:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. ukuze yaziwe intando yakho emhlabeni,izizwe ziluxhamle usindiso lwakho.

3. Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;bonk' abantu mabakudumise.

4. Mazidanduluk' izizwe zicule ngemincili,kuba wena ulawula ngobulungisa,zaluswa nguwe zonk' izizwe.

5. Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;bonk' abantu mabakudumise.

6. Ilizwe liphuphum' indyebo.UThixo usithamsanqele; nditsho uThixo wethu.

Iindumiso 67