Iindumiso 62:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;kaloku nguye yedwa ithemba lam.

6. Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

7. Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

8. Maxa onke thembelani kuye, bantundini,nizityand' igila kuye;kaloku uThixo yinqaba yethu.

9. Abantu bafana nomphunga.Umntu yinto engento yanto.Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;hayi, kubhetele kwaphepha.

10. Musa ukuqamela ngezigalo;musa ukuthembela ekuphangeni.Noba bungade bufumbe ubutyebi,wena musa ukuqamela ngabo.

11. Nto zimbini azithethileyo uThixo:Le yokuba amandla ngawakhe,

12. nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.

Iindumiso 62