14. Baphuma ngamarhatya, ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.
15. Bafunana nokutya, barhaqaze bakuba benganeli.
16. Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;ndiya kumemelela kwasekuseni,kuba uthando lwakho luyamangalisa.Kaloku wena uyinqaba yam,ungumqolomba ngomhla wembandezelo.
17. Ndiya kukubonga, mkhuseli wam.Mna ndizimela ngoThixo;ewe, uThixo ondithandayo.