Iindumiso 50:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngaba ndiyayitya inyama yeenkunzi?Khona, ndiyalisela igazi leebhokhwe?

14. Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,uzifezekise izithembise zakho kuPhezukonke.

15. Zibike kum xa usengxakini;mna ndiya kukuhlangula, ke wena undidumise.”

16. Kambe ke kwabo bakhohlakeleyo uThixo uthi:“Ngani ukuba niyicengceleze imithetho yam,nincokole ngomnqophiso wam?

17. Kaloku niyayenyanya ingqeqesho;aniyithobeli nemiyalelo yam.

18. Nakudibana nesela, nihlobana nalo;abakrexezi niyevana nabo.

19. “Usoloko uthetha kakubi;uqhelene nentlebendwane.

20. Uncokola kakubi ngamawethu;uhleba nomntakanyoko lo.

21. Ndinibukele nizenza ezi zinto,andathetha nada nacinga ukuba nam ndifana nani.Kodwa ke ngoku ndiyakhalima;ndilaneka phambi kwenu ityala.

22. “Phulaphulani, nina bangandikhathalelanga,hleze ndiniqwenge, angabikho nonqandayo.

23. Obingelela ngokubulela uyandidumisa;uzilungiselela ukusindiswa nguThixo.”

Iindumiso 50