Iindumiso 50:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo, uThixo uSomandla, uyathetha;ubhekisa kwihlabathi jikelele,ukususela empumalanga kuye entshonalanga.

2. UThixo ubengezela eZiyon,isixeko esibalaseleyo ngobuhle.

3. Uyeza uThixo wethu;yena akayi kuthi tu.Phambi kwakhe kudangazela umlilo;uphahlwe sisitshu sesivungu-vungu.

4. Umema amazulu kwanehlabathi,xa aza kugweba abantu bakhe.

5. Uthi: “Bahlanganiseleni kum abam abathembekileyo,abanqophisene nam ngombingelelo.”

6. Amazulu ngokwawo abalisa ngobulungisa bukaThixo;kaloku umgwebi ikwanguye ngokwakhe.

7. “Khaniphulaphule, bantu bam, ndithethe;ndiyakumangalela, Sirayeli.Mna Thixo ndinguThixo wakho.

8. Andiyigxeki imibingelelo yakho;amadini akho atshiswayo asoloko ephambi kwam.

9. Kambe azisamkeleki iinkunzi zakho zeenkomo;ngokunjalo neebhokhwe zemihlambi yakho.

10. Kaloku zezam zonke izilwanyananeenyamakazi ezikumawaka-waka eenduli.

11. Xa zizonke iintaka ndiyazazi;nezinambuzane zamathafa zezam.

12. “Xa bendingalambayo, bendingayi kukubikela.Kaloku lelam ihlabathi nezinto zalo.

13. Ngaba ndiyayitya inyama yeenkunzi?Khona, ndiyalisela igazi leebhokhwe?

14. Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,uzifezekise izithembise zakho kuPhezukonke.

Iindumiso 50