Iindumiso 45:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kaloku wena uyinzwakazi;ke yena ukumkani uyakulangazelela.Phofu ke yena ungumhlekazi, ngoko ke wena mthobele.

12. Wena ntombi yaseTire, baya kukucenga bakunyobe;ewe, izinhanha ngeendidi zonke zobutyebi.

13. Phaya entangeni bubuyokoyoko,inkosazana ivath' ezegolide.

14. Nantso irhuqisa ngamawezaweza,irholwa isiwa kukumkani.Nâzo neentombi eziyikhaphileyoziyiphahlile zisiya nayo kuye.

15. Ziyaduda, ziyavuya, ziyamemelela;tsotsololo zagaleleka ebhotwe!

16. Ngxatsho ke, mntwan' omhle!Ezihlangwini zooyihlo kuya kungena abakho oonyana.Wena uya kubathi jize ngobungangamsha,babe zizinxiba-mxhaka ehlabathini liphela.

Iindumiso 45