Iindumiso 44:2-14 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wena wazigxotha iintlanga,waza bona abantu bakho wabamilisela elizweni lazo.Wazitshutshisa iintlangawaza bona abakho wabathi jize ngenkqubela.

3. Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakhonefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.

4. Wena unguKumkani noThixo wam.Lumiselwa nguwe uloyiso lwakwaYakobi.

5. Ngoncedo lwakho siyazingqula iintshaba zethu;ngegama lakho siyabaxovula abasihlaselayo.

6. Andixhomekekanga kolwam utolo,ndingaqamelanga ngalo nekrele.

7. Hayi, nguwe owasihlangulayo ezintshabeni zethu;ikwanguwe owabaduba-dubayo abasithiyileyo.

8. Thina siqhayisa ngoThixo njalo-njalo,saye siya kumdumisa nanini-nanini.

9. Kambe ke usilahle satsho sahlazeka,njengoko ungasaphumi nemikhosi yethu.

10. Wena usiyekele zasiswantsulisa iintshaba,zaza zathimba amaxhoba ngokuthanda kwazo.

11. Wena usiyekele saxhelwa njengeegusha;usithathe wasisarhaza phakathi kweentlanga.

12. Abantu bakho wabathengisa ngelize,wena akwafumana nzuzo ngabo.

13. Usenze intsini kubamelwane,satsho sasisigculelo nesenyelisokwezo zizwe zisingqongileyo.

14. Ngoku singundaba-mlonyeni phakathi kwezizwe;sesingabasizelwayo kulo lonke elimiweyo.

Iindumiso 44