1. Ewe kambe, sizivele ngezethu iindlebe, Thixo.Kaloku amanyange asibaliselangezigigaba zakho zemihla yawo yamfamlibe.
2. Wena wazigxotha iintlanga,waza bona abantu bakho wabamilisela elizweni lazo.Wazitshutshisa iintlangawaza bona abakho wabathi jize ngenkqubela.
3. Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakhonefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.