Iindumiso 27:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ngoko ke ndiya kuzikrobela iintshaba ezindingqongileyo,ndinikele uNdikhoyo idini endlwini yakhe,ndinemivuyo ndicula, ndivumela uNdikhoyo.

7. Ndive, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;yiba nenceba kum, undiphulaphule.

8. Kweli wena uthi: “Funani ubuso bam,”intliziyo yam yathi: “Ewe, ndiyafuna ukukubona, Ndikhoyo.”

9. Mus' ukuzifihla kum, Ndikhoyo,ungasilahli ngomsindo isicaka sakho.Wena mncedi wam, mus' ukundilahla;uzungandishiyi, Thixo wam, Mkhululi wam.

10. Xa ndilahlwe ngubawo noma,wondichola yena uNdikhoyo.

11. Ndifundise indlela yakho, Ndikhoyo,undikhokele endleleni elungileyo,kuba zininzi iintshaba zam.

12. Uzungandiyekeli kwabandivukelayo,kuba andivukele amangqina obuxoki,afutha ukundenzakalisa.

13. Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyolo gama ndisadla amazimba.

14. Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!

Iindumiso 27