Iindumiso 145:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.

7. Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.

8. UNdikhoyo unesisa, yaye enovelwano.Yena unomonde; uyimvuze-mvuze bububele.

9. UNdikhoyo uyabalungiselela bonke abantu;unemfobe ngazo zonke izinto azenzileyo.

10. Zonke izinto ozenzileyo ziya kudomboza zibulele, Ndikhoyo;imilowo yakwakho iya kukudumisa.

11. Baya kuyibhengeza indili nesidima solawulo lwakho;amandla akho aya kuba ngundaba-mlonyeni,

12. ukuze uluntu luzazi izigigaba ozenzileyokwanesidima nobuqaqawuli bolawulo lwakho.

13. Ulawulo lwakho alunamida yasiphelo;ubukhosi bakho bozityhutyha zonke izizukulwana.Ilizwi alithethileyo uNdikhoyo alidliwa nja,yaye unesisa kuko konke akwenzileyo.

14. UNdikhoyo uyabaxhasa bonke abagqush' eluthulini,abaphakamise bonke abathobekileyo.

Iindumiso 145