Iindumiso 145:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;igama lakho ndolibonga nanini nanini.

2. Ndiya kukubulela mihla le;igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.

3. Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;obakhe ubukhulu abuphengululeki.

4. Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.

5. Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.

6. Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.

7. Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.

Iindumiso 145