Iindumiso 143:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kaloku utshaba luthene mbende nam;lundixushe lwada lwandishikixa.Lundivalele kwamnyama-ndawo,ndanga ndingowafa kudala.

4. Xa kungokunje ndiyayoba;intliziyo yam iyangcungcutheka.

5. Ndikhumbula imihla yamfamlibe,ndicamanga ngezinto ozenzileyo,ndiphicotha imisebenzi yezandla zakho.

6. Ndizolulela kuwe izandla zam;ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

7. Nceda usabele, Ndikhoyo;umoya wam ufadalele.Hayi, musa ukundifulathela,hleze ndifane nĂ¢bo baya enzonzobileni.

8. Ububele bakho mandibuve kwakusasa;kaloku mna ndikholosa ngawe.Ndifundise indlela endifaneleyo;kaloku mna ndizibika kuwe.

9. Ndikhoyo, ndihlangule ezintshabeni zam;kaloku mna ndizimela ngawe.

10. Wena unguThixo wam,ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.UMoya wakho wobubelemakandikhokelele endleleni esisithabazi!

11. Ndikhoyo, ngenxa yesidima sakho ndihlaziye,ngenxa yobulungisa bakho ndihlangule ekuxinanisweni.

Iindumiso 143