15. Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.
16. Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,ndingekayiqali nokuyiqala mna.
17. Hayi bo, zintsonkothile kambeiingcamango zakho, Thixo wam!Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!
18. Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;noba bendingazigqibayo, andikabi phi.Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.
19. Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;izijama-nkungwini mazisuke kum,
20. abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.
21. Ewe, ndibathiyile abakuthiyileyo, Ndikhoyo;kum banezothe abakuchasayo.
22. Ngenene ndibathiyile mpela;ndibathatha njengeentshaba zam.
23. Ndibhenela kuwe, Thixo wam:khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
24. Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.