Iindumiso 139:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

15. Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.

16. Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,ndingekayiqali nokuyiqala mna.

17. Hayi bo, zintsonkothile kambeiingcamango zakho, Thixo wam!Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!

18. Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;noba bendingazigqibayo, andikabi phi.Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.

19. Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;izijama-nkungwini mazisuke kum,

20. abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.

Iindumiso 139