14. Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
15. Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.
16. Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,ndingekayiqali nokuyiqala mna.
17. Hayi bo, zintsonkothile kambeiingcamango zakho, Thixo wam!Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!
18. Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;noba bendingazigqibayo, andikabi phi.Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.
19. Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;izijama-nkungwini mazisuke kum,
20. abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.