Iindumiso 139:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ewe, *Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.

2. Wena undazi ukusuka nokuhlala;iingcamango zam uziqonda zingekaveli.

3. Mna andinako ukukunqabela nganto –nditsho ndihamba okanye ndilele,wena uyaziqonda iindlela zam zonke.

4. Kaloku wena wazi ndingekathethi;ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.

Iindumiso 139