Iindumiso 139:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ewe, *Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.

2. Wena undazi ukusuka nokuhlala;iingcamango zam uziqonda zingekaveli.

3. Mna andinako ukukunqabela nganto –nditsho ndihamba okanye ndilele,wena uyaziqonda iindlela zam zonke.

4. Kaloku wena wazi ndingekathethi;ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.

5. Kaloku wena undiphahle macal' onke;isandla sakho sindifumbathile.

6. Ndlela le undazi ngayo indongamele;ewe, ndiyalabalaba, isemajukujukwini kum.

7. Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?

8. Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.

9. Ndingafanelana ndihamba nokusa,ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,

10. nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;ewe, ndohlala ndisemandleni akho.

11. Noba ndingathi mandisongelwe bubumnyama,nokukhanya kujike kube bubusuku,

12. kwabumnyama obo abumnyamanga kuwe.Kaloku nobusuku bukhanya njengemini kuwe,kuba nobumnyama buyakhanya kuwe.

13. Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;nditsho mna kanye lo!Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.

14. Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

15. Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.

Iindumiso 139