Iindumiso 105:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

5. Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:imimangaliso ayenzileyo,nemithetho ayiwisileyo.

6. Nina niyinzala yesicaka sakhe uAbraham,nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.

7. UThixo wethu nguNdikhoyo;yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.

8. Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.

9. Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.

10. Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphel' uSirayeli,

11. esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo selifa lakho.”

12. Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.

13. Babebhadula kumazwe ngamazwe;besuka kolunye ulawulo baye kolunye.

14. Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.

15. Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise abashumayeli bam.”

Iindumiso 105