4. Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.
5. Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:imimangaliso ayenzileyo,nemithetho ayiwisileyo.
6. Nina niyinzala yesicaka sakhe uAbraham,nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.
7. UThixo wethu nguNdikhoyo;yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.
8. Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.
9. Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.
10. Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphel' uSirayeli,
11. esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo selifa lakho.”
12. Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.
13. Babebhadula kumazwe ngamazwe;besuka kolunye ulawulo baye kolunye.
14. Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.
15. Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise abashumayeli bam.”