Iindumiso 105:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphel' uSirayeli,

11. esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo selifa lakho.”

12. Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.

13. Babebhadula kumazwe ngamazwe;besuka kolunye ulawulo baye kolunye.

14. Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.

15. Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise abashumayeli bam.”

16. Ekubeni evelise indlala elizweni labo uNdikhoyo,nokutya kwabo wakuphelisa mpela,

17. wabathumela uJosefu wabandulela,wathengiswa waba likhoboka.

18. Amaqatha akhe adliswa ngamatyathanga,waminxwa nasemqaleni ngamakhamandela,

Iindumiso 105