Iindumiso 102:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ndiyagcuma kukugula;andibhitye nditsho ndangamathambo.

6. Ndifana nesikhova enkangala;ndinjengesihulu-hulu senxiwa.

7. Ndilal' obentaka kukumana ndiphuthelwa;ndifana nentak' ehleli yodwa exhantini.

8. Ziyandigxibha yonk' imini iintshaba zam;ziphoxisa ngam, ziqalekisana ngegama lam.

9. Ndinesingqala, ukutya akuvumi kuhla;intw' endiyiselayo seliziinyembezi zam.

10. Loo ntw' ibangwa yingqumbo nomsindo wakho;kaloku wena undifunqule wandilahla kwesinomhlwa.

11. Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;selide yabuna okwengca elahliweyo.

12. Kodwa wena, Ndikhoyo,uya kulawula kude kube ngunaphakade;ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.

13. Uya kuhlabeka, uyisizele iZiyon;ewe, ixesha lokuyenzel' inceba selifikile,seligalelekile.

14. Ziyayithand' izicaka zakho, naxa seliziindonga nje;ziyahlabeka xa ziyibona selingamabhodlo iZiyon.

15. Zolihlonel' igama likaNdikhoyo zonk' iintlanga,neekumkani zonke zisibeke isihomo sakhe.

Iindumiso 102