1. Ndikhoyo, wuve umthandazo wam,nesikhalo sam masifike kuwe!
2. Sukundizimela xa ndisebunzimeni;ndiphulaphule undive kamsinya ndakukhala.
3. Imihla yam ithe shwaka okomsi;ndiyathuthunjelwa ziingqaqambo.
4. Ndixusheke ndada ndalityƩba;senditsho ndaphelelwa nangumdla wokutya.
5. Ndiyagcuma kukugula;andibhitye nditsho ndangamathambo.
6. Ndifana nesikhova enkangala;ndinjengesihulu-hulu senxiwa.
7. Ndilal' obentaka kukumana ndiphuthelwa;ndifana nentak' ehleli yodwa exhantini.
8. Ziyandigxibha yonk' imini iintshaba zam;ziphoxisa ngam, ziqalekisana ngegama lam.
9. Ndinesingqala, ukutya akuvumi kuhla;intw' endiyiselayo seliziinyembezi zam.
10. Loo ntw' ibangwa yingqumbo nomsindo wakho;kaloku wena undifunqule wandilahla kwesinomhlwa.
11. Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;selide yabuna okwengca elahliweyo.
12. Kodwa wena, Ndikhoyo,uya kulawula kude kube ngunaphakade;ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.
13. Uya kuhlabeka, uyisizele iZiyon;ewe, ixesha lokuyenzel' inceba selifikile,seligalelekile.
14. Ziyayithand' izicaka zakho, naxa seliziindonga nje;ziyahlabeka xa ziyibona selingamabhodlo iZiyon.