2-3. “Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha, kunye nebhaskiti enezonka ezingenagwele. Uze ke ubize umzi wakwaSirayeli uphela.”
10. UMosis uthathe amafutha, wathambisa isibingelelo nazo zonke izinto ezingaphakathi kwaso, waza ngokwenjenjalo wazahlulela uThixo.
11. Ufefe iqonga kasixhenxe ngamafutha aseleyo, kunye nempahla yalo yonke, nesitya sokuhlambela, kwanamazantsi aso, zonke ezo zinto ezahlulela uThixo.
12. Waza wammisela uAron, emahlulela uNdikhoyo, ngokumgalela inxenye yamafutha entloko.
13. Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.
14. UMosis usondeze inkunzi yedini lokucamagushela, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.
15. Uyihlabile uMosis, waza wathi nkxu umnwe wakhe egazini layo, walityikila kwiimpondo zone zeekona zeqonga, waba ulahlulela uNdikhoyo ngokwenjenjalo. Eliseleyo ke igazi uliphalaze emazantsi eqonga. Waba ke ngoko uyalihlambulula iqonga.
16. Wawathatha onke amanqatha ezibilini uMosis, kunye nomhlehlo, kwakunye nezintso namanqatha azo, wawatshisa apho eqongeni lamadini.
17. Uyithathe yonke loo nyama yaloo nkomo ndawonye nesikhumba namathumbu waya kuzitshisa ngaphandle kwelali njengokutsho kukaNdikhoyo.
18. Emva koko uMosis usondeze inkunzi yegusha yedini elitshiswayo, baza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.
19. Uyinqumle uMosis, waza igazi waliphosa kumacala onke eqonga.
20-21. Wayihlahla loo gusha, waza wahlamba izibilini nemilenze. Intloko yona, kunye namanqatha, kunye nayo yonke loo nyama, wazitshisa apho eqongeni, kanye njengoko kwatsho uNdikhoyo. Eli lidini elitshiswayo, idini elenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ivumba lalo liyolile kuNdikhoyo.
22. Uze neyesibini inkunzi yegusha uMosis; le yona yayiyeyedini lokumiselwa kwababingeleli, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.