17. Inyama esekhoyo ngosuku lwesithathu kufuneka itshiswe yona.
18. Ukuba ityiwe loo nyama ngosuku lwesithathu, uThixo akayi kulamkela elo dini laloo mntu, kuba lisuke *lanomlaza. Nabani na ke oya kuthi alitye uya kuluthwala uxanduva lwakhe.
19. Xa inyama yedini ithe yadibana nantoni na enomlaza, kufuneka itshiswe ingàtyiwa. Wonke ubani ongenamlaza angayitya inyama yedini elo.
20. Kodwa xa ithe yatyiwa nangumntu onomlaza, lowo makasikwe phakathi kosapho lukaNdikhoyo.
21. Kanti xa umntu athe waphatha into enomlaza, nokuba ngumntu, nokuba sisilwanyana esingatyiwayo, nantoni na enezothe, aze asuke aye kutya idini lobudlelane likaNdikhoyo, loo mntu makasikwe ebantwini bakaNdikhoyo.
22. Ubuye uThixo wanika uMosis le miyalelo
23. amakayigqithisele kumaSirayeli: Akukho manqatha ankomo nagusha nabhokhwe aya kutyiwa mntu.
24. Amanqatha ento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, makangatyiwa. Kambe ke angásetyenziswa ekwenzeni ezinye izinto.
25. Wonke umntu othe watya amanqatha ento ekwenziwa ngayo idini kuNdikhoyo ngomlilo makasikwe kumaSirayeli.
26. Naphi na apho emi khona amaSirayeli makangaze alitye igazi, nokuba leleentaka, nokuba lelezilwanyana.
27. Nabani na olityayo igazi makasikwe kumaSirayeli.
28. Uphindile wathi uNdikhoyo uMosis
29. makagqithisele nale mimiselo kumaSirayeli: Umntu owenza idini lobudlelane makakhuphe isabelo esithile, asinikele kuNdikhoyo,
30. eze naso ngokwakhe, sibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. Makeze namanqatha aso kunye nencum, aziwanga-wangise zibe ngumnikelo owanga-wangiselwa uNdikhoyo.
31. Loo manqatha umbingeleli wowatshisa apho eqongeni, kodwa yona incum yeyababingeleli.