2. “Xa umntu one uNdikhoyo ngokwala ukubuyisela into ebekubanjiswe ngayo kuye ngomnye umSirayeli, okanye xa ebe into yomnye umSirayeli, okanye amqhathe,
3. okanye axoke athi akayiboni into yomnye ekuye, ade athi akayazi, atsho efunga, okanye enze nasiphi na esinye isono esifana nezi, kufuneka kwenziwe idini lokungxengxezela elo tyala.
4. Xa enze isono esilolo hlobo, kufuneka ayibuyise into ayibileyo, okanye ayifumene ngobuqhetseba, okanye abeyigcinisiwe nayicholeyo,
5. nantoni na leyo athe akayazi exoka kufuneka ayivuse, ongeze nomdliwo osisinye esihlanwini, kanye ngalaa mhla eze kunikela ngawo idini lesono.
6. Kufuneka ase kumbingeleli inkunzi yegusha nokuba yeyebhokhwe, kodwa ingabi nasiphako, ibe lidini lentlawulo alenze kuNdikhoyo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo.
7. Elo dini umbingeleli wolinikela phambi koNdikhoyo, libe lelokungxengxezela isono saloo mntu, aze asixolelwe.”
8. *UNdikhoyo wathi uMosis
9. makagqithisele le miyalelo kuAron noonyana bakhe: Idini elitshiswayo kufuneka litshiswe eqongeni ubusuku bonke, umlilo usoloko ukhwezelwa.
16-17. Okuseleyo koba kokwababingeleli.Makwenziwe isonka sentlama engenagwele, sityelwe endaweni ekhethekileyo apho enkundleni *yesibingelelo. Le yinxaxheba uNdikhoyo ayinika ababingeleli kwiminikelo yokutya. Yinxaxheba eyodwa engcwele, efana kanye naleya yamadini okungxengxezela izono neminikelo yentlawulo.
18. Iya kutyiwa ngamadoda omlibo ka-Aron njengesabelo sawo sokutya okunikelwa kuNdikhoyo. Omnye umntu ochukumise oku kutya kungumnikelo woba nophawu lukaNdikhoyo, abe semngciphekweni.
19-20. Le yinkqubo eya kuhlala ihleli yokumisela umbingeleli womlibo ka-Aron eyanikwa uMosis nguNdikhoyo. Ngalo mhla kanye amiselwa ngawo loo mbingeleli kufuneka anikele kuNdikhoyo ikhilogram ibe nye yomgubo wengqolowa, ube ngumnikelo wokutya. Uya kuba sisiqingatha kusasa, ube sisiqingatha nangokuhlwa.
21. Kufuneka udityaniswe namafutha, uze ugcadwe, ugraywe, uze unikelwe. Ivumba lawo liyathandeka kuNdikhoyo.
22. Lo mnikelo kufuneka wenziwe ngumbingeleli ngamnye othanjiswayo womlibo ka-Aron. Uya kutshiswa tu, ube lidini elihlala lisenzelwa uNdikhoyo.