Eyonqulo 15:10-26 Ibhayibhile (XHO96)

10. Umntu othe wachukumisa nantoni na ebithe yahlala phezu kwayo loo ndoda inomlaza, naye uyasuleleka de kutshone ilanga. Umntu othe waphatha into ebekuhleli kuyo loo ndoda kufuneka yena ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, yaye usulelekile naye kude kutshone ilanga.

11. Xa laa ndoda inomlaza ithe yabamba umntu ingazihlambanga izandla zayo, loo mntu yena usulelekile. Kufuneka ahlambe impahla, ahlambe nomzimba. Wohlala enomlaza naye kude kutshone ilanga.

12. Kufuneka iqhekezwe ingqayi ethe yaphathwa nguloo mfo uvuzayo, size sona isitya esenziwe ngomthi sihlanjwe.

13. Yakuba le ndoda iphilile, kufuneka ilinde iintsuku zibe sixhenxe, yandule ke ukuya kuhlamba impahla, ize ihlambe nomzimba kumanzi abalekayo, ukuze usuke umlaza.

14. Ngosuku lwesibhozo kufuneka ise kumbingeleli amahobe amabini okanye amavukuthu ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.

15. Umbingeleli ke yena wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Uya kwenjenjalo ke ukucamagushela loo mntu.

16. Xa kukho indoda ethe yazingcolisa ngobudoda, kufuneka ihlambe umzimba. Yohlala inomlaza kude kutshone ilanga.

17. Impahla ethe yathontsizelwa yangcola, nokuba yeyesikhumba, kufuneka ihlanjwe, yaye yohlala inomlaza kude kutshone ilanga.

18. Xa indoda nomfazi bethe bahlangana, kufuneka bahlambe umzimba emva koko, yaye boba nomlaza kude kutshone ilanga.

19. Umntu obhinqileyo xa athe waba sexesheni uba nomlaza iintsuku ezisixhenxe; umntu othi amchukumise naye uyasuleleka de kutshone ilanga.

20. Nantoni na athi ahlale okanye alale phezu kwayo lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza.

21-23. Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.

24. Xa kukho indoda ethe yahlangana naye lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. Yoba nawo de kube ziintsuku ezisixhenxe; yaye nomandlalo ethi ingqengqe kuwo uba nomlaza nawo.

25. Xa kukho umntu obhinqileyo ohlambayo naxa engekho exesheni lokwenza loo nto, okanye ohlamba naxa seligqithile ixesha lakhe, uba nomlaza ngaye wonke lo gama asahlambayo, kanye njengoko kuba njalo xa esexesheni.

26. Ngalo lonke ke elo xesha umandlalo alala kuwo, kwanento athi ahlale kuyo, iba nomlaza.

Eyonqulo 15