Eyonqulo 14:33-51 Ibhayibhile (XHO96)

33. *UNdikhoyo wathi kuMosis noAron:

34. “Nakufika kwilizwe laseKanana endininika lona ukuba nime kulo, ze nenjeje mayela nezindlu ezinomngundane: Ukuba kuvele umngundane endlwini ethile kwelo lizwe

35. umnini-ndlu kufuneka aye kubika kumbingeleli esithi: ‘Ndibhaqe into engathi ngumngundane endlwini yam.’

36. Uya kuthi umbingeleli makukhutshwe yonke impahla esendlwini, ngaphambi kokuba aye kuhlola ukungunda oko kusendlwini; kungenjalo yonke into ekuloo ndlu uya kuthi *inomlaza. Uya kuya ke endlwini apho,

37. afike ahlole ukungunda oko. Xa kukho amachaphaza abuluhlaza okanye abubomvu athe gongqo eludongeni,

38. wophuma kuloo ndlu, aze ayitshixe ithuba leentsuku ezisixhenxe.

39. Ngolwesixhenxe usuku wobuya abuye umbingeleli, aze kuyihlola kwakhona loo ndlu. Xa ukungunda kunwenwile,

40. umbingeleli uya kuthi loo matye angundileyo makakhutshwe aphoswe ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma,

41. emva koko athi makuxotyulwe udaka eludongeni lwangaphakathi, luye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma.

42. Endaweni yalawa matye akhutshiweyo kofakwa amanye amatsha, kutyatyekwe nangodaka olutsha.

43. “Xa ukungunda kuphinde kwavela, naxa indlu leyo ibe ikhutshwe loo matye ebengundile yaza yatyatyekwa kutsha,

44. kufuneka aye kuyihlola kwakhona umbingeleli. Ukuba ukungunda kuye kwanwenwa, loo ndlu inomlaza.

45. Kufuneka ke ichithwe, aze amatye ayo, naloo maplanga, kunye nodaka, aye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma.

46. Umntu othe wangena kuloo ndlu lo gama itshixiweyo woba nomlaza kude kutshone ilanga.

47. Umntu othe walala kuyo, okanye watyela apho kuyo, kufuneka ahlambe impahla yakhe.

48. “Xa athe weza kuyihlola loo ndlu umbingeleli emva kokuba ihlaziyiwe, waza akabona kungunda kukhoyo, uya kuthi loo ndlu ayisenawo umlaza, kuba kaloku umngundane uphelile.

49. Ukuhlambulula le ndlu kufuneka athathe iintaka ezimbini, kunye neceba lomsedare, negqesha elibomvu, kunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu.

50. Enye intaka uya kuyophisela engqayini enamanzi asand' ukukhiwa emthonjeni,

51. aze athathe elaa ceba lomsedare, nehlamvu lehisopu, negqesha elibomvu, kunye nalaa ntaka ihleliyo, azithi nkxu egazini laleya ntaka yophiselwe kulaa manzi asand' ukukhiwa, aze ke afefe loo ndlu kasixhenxe ngazo.

Eyonqulo 14