32. Yiyo ke leyo inkqubo malunga nomntu obesakuba nesifo solusu esosulelayo kodwa abe engenandlela yokufikelela kwiminikelo eqhelekileyo.
33. *UNdikhoyo wathi kuMosis noAron:
34. “Nakufika kwilizwe laseKanana endininika lona ukuba nime kulo, ze nenjeje mayela nezindlu ezinomngundane: Ukuba kuvele umngundane endlwini ethile kwelo lizwe
35. umnini-ndlu kufuneka aye kubika kumbingeleli esithi: ‘Ndibhaqe into engathi ngumngundane endlwini yam.’
36. Uya kuthi umbingeleli makukhutshwe yonke impahla esendlwini, ngaphambi kokuba aye kuhlola ukungunda oko kusendlwini; kungenjalo yonke into ekuloo ndlu uya kuthi *inomlaza. Uya kuya ke endlwini apho,
37. afike ahlole ukungunda oko. Xa kukho amachaphaza abuluhlaza okanye abubomvu athe gongqo eludongeni,
38. wophuma kuloo ndlu, aze ayitshixe ithuba leentsuku ezisixhenxe.
39. Ngolwesixhenxe usuku wobuya abuye umbingeleli, aze kuyihlola kwakhona loo ndlu. Xa ukungunda kunwenwile,
40. umbingeleli uya kuthi loo matye angundileyo makakhutshwe aphoswe ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma,
41. emva koko athi makuxotyulwe udaka eludongeni lwangaphakathi, luye kulahlwa ngaphandle kwelali kwindawo yenkunkuma.
42. Endaweni yalawa matye akhutshiweyo kofakwa amanye amatsha, kutyatyekwe nangodaka olutsha.
43. “Xa ukungunda kuphinde kwavela, naxa indlu leyo ibe ikhutshwe loo matye ebengundile yaza yatyatyekwa kutsha,
44. kufuneka aye kuyihlola kwakhona umbingeleli. Ukuba ukungunda kuye kwanwenwa, loo ndlu inomlaza.