1. *UNdikhoyo wanika uMosis le nkqubo
2. yokususwa *komlaza kumntu ophilileyo obesakuba nesifo esosulelayo solusu. Kuya kuthi ngomhla okuza kwaziswa ngawo ukuba akasenamlaza kufuneke adibane nombingeleli loo mntu.
3. Yena ke umbingeleli wophumela ngaphandle kwelali, apho aya kuthi amxilonge khona. Xa isifo siphelile,
4. umbingeleli uya kuthi makuziswe iintaka ezimbini ezityiwayo, kunye neceba lomthi womsedare, negqesha elibomvu, kwakunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu.
5. Andule ke umbingeleli athi mayibulawe enye intaka, yophiselwe engqayini enamanzi asand' ukukhiwa emthonjeni.
6. Enye intaka le woyithatha ayithi nkxu egazini lale ifileyo, alenjenjalo neceba lomsedare, igqesha elibomvu, kunye nehlamvu elo lehisopu.
7. Emva koko womfefa kasixhenxe ngelo gazi loo mntu uphilileyo, andule ke azise ukuba akasenamlaza ngoku. Le ihleliyo intaka yona wophuma nayo elalini, ayiyeke ibhabhe imke.
8. Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, achebe iinwele, ahlambe nomzimba, aze ke abe uhlambulukile. Angangena ngoku ngaphakathi kwelali, kodwa kufuneka angangeni endlwini yakhe kude kuphele iintsuku ezisixhenxe.
9. Wobuya azichebe iinwele kwakhona ngomhla wesixhenxe, achebe neendevu, neentshiya; bonke uboya obusemzimbeni abuchebe nabo, aphinde ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, aze ke emva koko abe akanawo tu umlaza.
30-31. Emva koko wenza idini lokucamagushela isono ngelinye lamahobe okanye amavukuthu, aze ngelinye enze idini elitshiswayo, athathe nokutya oku. Uya kwenjenjalo ke ukumcamagushela kuNdikhoyo umntu onomlaza.
55-56. izilonda, amathumba, ukudumba, nokungunda kwezindlu nempahla.