Emva koko wenza idini lokucamagushela isono ngelinye lamahobe okanye amavukuthu, aze ngelinye enze idini elitshiswayo, athathe nokutya oku. Uya kwenjenjalo ke ukumcamagushela kuNdikhoyo umntu onomlaza.