5. Wophinda amxilonge emva kwezo ntsuku, kuthi ke xa umbingeleli ebona ukuba eso silonda asibhidlanga, sisenjengakuqala, aphinde amgcine bucala kwaesinye isixhenxe seentsuku.
6. Wobuya amxilonge umbingeleli kwakhona emva koko, kuthi ke ukuba eso silonda sirhawukile endaweni yokubhidla, azise ke ukuba loo mntu akanamlaza, uhlambulukile. Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, ukuze angabi namlaza.
7. Kodwa ukuba emva koko isilonda sithe sabhidla, kufuneka aye kwakumbingeleli loo mntu kwakhona.
8. Wophinda amxilonge umbingeleli, kuthi ukuba eso silonda siyabhidla, umbingeleli azise ukuba loo mntu unomlaza, unesifo esosulelayo, iqhenqa.IsiHebhere sibiza iqhenqa nezinye iintlobo zezifo zolusu ngegama elinye. Eli gama lidla ngokutolikwa ngeqhenqa, nangona lingathethi lona kuphela.
9. Xa kukho umntu onesifo solusu esosulelayo, kufuneka asiwe kumbingeleli
40-41. Ukuba umntu ukhuthuke iinwele enqentsu, okanye ebunzi, asingomlaza loo nto.
42. Kodwa ukuba kuloo ndawo ikhuthukileyo kuvele isilonda esinobubovu, loo nto sisifo esoyikekayo solusu.
43. Umbingeleli akuba emxilongile, abone ulusu lufukukile, lunobubovu,
44. kufuneka azise ukuba loo mntu unesifo esosulelayo esisentloko, ngoko ke unomlaza.
45. Umntu onaso esi sifo sosulelayo solusu kufuneka anxibe iimpahla ezidlakadlaka, angazichazi iinwele, aze azigqume ubuso obungezantsi, ahambe ekhwaza esithi: “Ndinomlaza! Ndinomlaza!”
46. Uhlala enomlaza wonke lo gama asagula seso sifo, yaye kufuneka ahlale ngaphandle kwelali, kude nabanye abantu.
47. Xa impahla yoboya nokuba yilinen,
48. okanye ilaphu loboya nokuba yilinen, nokuba lithwathwa okanye into eyenziwe ngethwathwa,
49. ithe yanyepha yaba luhlaza okanye sabubomvu, inomngundane loo nto, mayiboniswe umbingeleli.
50. Umbingeleli woyiphicotha, aze ayibeke bucala iintsuku ezisixhenxe.
51. Wobuya ayijonge ngosuku lwesixhenxe, kuthi ke ukuba kuye kwanwenwa ukungunda, athi loo nto inomlaza.
52. Woyitshisa ke umbingeleli, nokuba yeyiphi kwezi zinto zikhankanyiweyo, kuba kaloku isasaza ukungunda omakutshatyalaliswe.
53. Xa kubonakala ukuba umngundane awunwenwanga kuloo nto,
54. umbingeleli uya kuthi mayihlanjwe, ize ibekwe bucala iintsuku ezisixhenxe.
55. Kuya kuthi ke xa ngaba ukungunda akuphelanga naxa kunganwenwanga, loo nto inomlaza kufuneka itshiswe nokuba ingunde ngaphandle okanye ngaphakathi.
56. Xa athe akuyijonga umbingeleli wafika umngundane uthothile, wowukrazula awususe kuloo nto, nokuba lilaphu, nokuba lithwathwa.