4-6. Kodwa zona iinkamela, neembila, nemivundla, mazingatyiwa. Ewe kambe ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandekanga.
31. Umntu othe waziphatha nokuba zifile, woba nomlaza kude kutshone ilanga.
32. Xa kukho into ethe yawelwa zezo zinto xa zifile, yoba nomlaza nayo. Ndithetha nkqu nezinto ezenziwe ngamaplanga, ngamalaphu, ngethwathwa, okanye ngerhonya, nokuba isetyenziselwa ntoni na loo nto; kufuneka ifakwe emanzini, kodwa liya kude litshone ilanga ingekahlambuluki.
33. Ukuba into efileyo kwezi iwela engqayini, yonke into engaphakathi kuloo ngqayi ayinakutyiwa. Yona ingqayi kufuneka iqhekezwe.
34. Ukutya okugalelwe amanzi akule ngqayi makungatyiwa – kumdaka. Naloo nto iselwayo ibikuloo ngqayi nayo isuka isuleleke.
35. Nantoni na ekuwele kuyo into efileyo kwezi zibaliweyo iba nomlaza; isitovu sodaka, nokuba yimbiza, maziqhekezwe.
36. Kambe wona umthombo nequla azisuleleki xa ziwelwe zezi zinto. Ke yena umntu ozichukumisayo uba nomlaza.
37. Imbewu eza kulinywa ayisuleleki, nokuba idibene nento efileyo kwezi zixeliweyo.
38. Kodwa xa loo mbewu ifakwe emanzini iyasuleleka kukudibana nento efileyo.
39. Xa kufe isilwanyana esityiwayo, umntu osichukumisileyo uba nomlaza kude kutshone ilanga.
40. Nomntu otye inyama yaso, nokuba uyihlambile impahla yakhe, uba nomlaza kude kutshone ilanga. Umntu othe wasithwala sifile isilwanyana kufuneka ayihlambe impahla yakhe, kodwa uba nomlaza kude kutshone ilanga
41-42. Zonke izinambuzane ezirhubuluzayo, nezirhoqozayo, nezinemilenze emine nangaphezulu, zinezothe; mazingatyiwa.