7. baze bona ababingeleli baphembe umlilo eqongeni, babekelele iinkuni phezu kwawo.
8. Baya kuthatha iinyama ezo, kunye nentloko, kwakunye namanqatha, bazibeke emlilweni apho.
9. Umntu lowo yena makahlambe izibilini namanqina enkomo leyo, aze yena umbingeleli alitshise lonke elo dini phezu kweqonga. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
10. “Ukuba into ekwenziwa umnikelo ngayo yigusha okanye yibhokhwe, mayibe liduna elingenasiphako.
11. Leyo makayixhelele kwicala elingasentla leqonga phambi kukaNdikhoyo, baze oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi kumacala onke eqonga.
12. Yakuba ihlahliwe, umbingeleli wozibeka emlilweni oseqongeni zonke ezo nyama, ndawonye nentloko kunye namanqatha.
13. Umntu onikelayo yena uya kuhlamba izibilini kwakunye namanqina elo dini, aze yena umbingeleli alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
14. “Ukuba yintaka ekwenziwa ngayo idini elitshiswayo, mayibe lihobe okanye ivukuthu.
15. Umbingeleli wolisondeza eqongeni, aliqhawule intamo, alitshise apho eqongeni. Igazi lona uya kulophisela apho ecaleni leqonga.