Eyeziqalo 7:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu.

22. Kwafa yonke into ephefumlayo elizweni.

23. Kwatshatyalaliswa yonke into ephilayo elizweni: abantu, neenyamakazi, neentaka. Kwasala uNowa kunye nabo babesenqanaweni kunye naye.

24. Kwada kwaba likhulu linamashumi mahlanu eentsuku engathothi loo manzi.

Eyeziqalo 7