2. Uze ungenise enqanaweni iinyamakazi ezityiwayo zibe ngasixhenxe, ibe yinkunzi nemazi, kodwa kwezingatyiwayo ibe yinkunzi nemazi zibe ngambini,
3. kwaneendidi zeentaka zibe ngasixhenxe, inkunzi nemazi. Loo nto yenzelwa ukuze zonke ezi ndidi zeenyamakazi neentaka zibuye ziqhame kwakhona elizweni.
4. Emva kweentsuku ezisixhenxe ndiza kunisa imvula eya kutsho iintsuku nobusuku ezingamashumi mane, ukuze itshabalalise yonke into ephilayo endayidalayo.”
5. UNowa wayenza yonke into ayiyalelwa nguNdikhoyo.
6. Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa ukufika kwezantyala-ntyala zemvula kanogumbe elizweni.
7. Yena nomkakhe noonyana bakhe kunye nabafazi babo babalekela enqanaweni ukufika kwaloo mvula.
15-16. Kweza inkunzi nemazi yazo zonke izinto eziphilayo, zangena apho enqanaweni ngokomyalelo kaThixo. *UNdikhoyo waluvala ucango akungena uNowa.
17. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku zamashumi mane, athi ngokuya esanda amanzi ayifunqula inqanawa.
18. Aye enyuka amanzi, yadada phezu kwawo yona inqanawa.
19. Aphakama amanzi, ada agubungela nezona ziphakamileyo iintaba kulo lonke elimiweyo;
20. anyuka ada aziimitha ezisixhenxe ukusuka encochoyini yeentaba.
21. Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu.
22. Kwafa yonke into ephefumlayo elizweni.
23. Kwatshatyalaliswa yonke into ephilayo elizweni: abantu, neenyamakazi, neentaka. Kwasala uNowa kunye nabo babesenqanaweni kunye naye.
24. Kwada kwaba likhulu linamashumi mahlanu eentsuku engathothi loo manzi.