8. Kwahamba usapho lwakhe, abantakwabo, kwakunye nomzi kayise wonke. Kwasala abantwana kuphela eGoshen kunye nemfuyo yabo.
9. Kwakuziinqwelo zamahashe, kunye nabakhwele amahashe, isisihlwele.
10. Bathi bakufika kwisanda sika-Atadi kufuphi neJordan, batsho ngesijwili esikrakra ithuba elide. Apho uJosefu wachitha iintsuku ezisixhenxe ezilile.
11. Abantu baseKanana, bakubabona bezilile kwisanda sika-Atadi, bayincoma inkqubo ezukileyo yenzila eyayisenziwa ngamaJiputa. Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa igama layo yiAbheli-mizerayim.
12. Benjenjalo ke oonyana bakaYakobi ukuthobela umyolelo kayise.
13. Bawuthwala umzimba wakhe, bawusa eKanana, bafika bawungcwaba kumqolomba owawuseMakapela, ngasempuma yeMamre, kulaa mhlaba uAbraham wawuthenga kuEfron umHeti, ube yindawo yokungcwabela.