Eyeziqalo 49:24-28 Ibhayibhile (XHO96)

24. Kodwa olwakhe utolo alugungqi,neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi,yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.

25. NguThixo kayihlo okuncedayo;nguThixo uSomandla okuthamsanqelisayo ngeemvula zaphezulu,nangamanzi aphuma enzulwini ngaphantsi komhlaba.Nguye okuthamsanqelisa ngabantwana nangemfuyo.

26. Amathamsanqa owanikwe nguyihloaya kuqina kuneentaba ezisisimakade,achume kunendyebo yeenduli zaphakade.Konke oku makuwe phezu kwentloko kaYosefu,yena ukhethiweyo kubantakwabo.

27. “UBhenjamin lithole lengcuka elinoburhalarhume.Kusasa uqwenga ixhoba;ngokuhlwa waba okuphangiweyo.”

28. Zizo ke ezi izizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. Lo ke ngumyolelo kayise koonyana bakhe ngabanye.

Eyeziqalo 49