Eyeziqalo 49:19-27 Ibhayibhile (XHO96)

19. “UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange,kodwa wojika aziswantsulise.

20. “Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.

21. “UNafetali yena lixhama lasendle;intw' ezala amaduna namathokazi.

22. “UJosefu ngumdiliya omi ngasemthonjeni;intw' emaseb' afukufuku, aqabel' ezindongeni.

23. Yintw' ehlaselwa ziintshaba zayo,ziyisukele ngeentolo nezaphetha.

24. Kodwa olwakhe utolo alugungqi,neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi,yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.

25. NguThixo kayihlo okuncedayo;nguThixo uSomandla okuthamsanqelisayo ngeemvula zaphezulu,nangamanzi aphuma enzulwini ngaphantsi komhlaba.Nguye okuthamsanqelisa ngabantwana nangemfuyo.

26. Amathamsanqa owanikwe nguyihloaya kuqina kuneentaba ezisisimakade,achume kunendyebo yeenduli zaphakade.Konke oku makuwe phezu kwentloko kaYosefu,yena ukhethiweyo kubantakwabo.

27. “UBhenjamin lithole lengcuka elinoburhalarhume.Kusasa uqwenga ixhoba;ngokuhlwa waba okuphangiweyo.”

Eyeziqalo 49