Eyeziqalo 44:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. ufake nendebe yam yesiliva ngaphezulu engxoweni yomninawa wabo, kwakunye nemali yengqolowa.” Senjenjalo isicaka.

3. Kwangentseni wabakhulula abantakwabo, bangena endleleni egodukayo, beqhuba iidonki zabo.

4. Kwathi besekude kufuphi nedolophu, wathi uJosefu kwisicaka sakhe: “Khawuleza usukele laa madoda, uthi: ‘Kutheni nibuyisa ubuhle ngobubi?

5. Niyibele ntoni indebe yesiliva yenkosi yam? Yile kanye isela ngayo, ikwayile ivumisa ngayo. Ilihlazo le nto niyenzileyo.’ ”

6. Siwathethile ke la mazwi isicaka sakufika kubo.

7. Bathe bona: “Ungathini, mhlekazi, ukuthetha ngolu hlobo? Asikhange siyenze into enjalo konke-konke.

8. Uyazi nawe ukuba nemali esayifumana ezingxoweni zethu ekhaya siyibuyisele kwakuwe. Singathini ke ngoku ukûba isiliva okanye igolide yenkosi yakho?

30-31. “Ke ngoko, mhlekazi,” utshilo uJuda, “ukuba ndingabuyela ekhaya ingekho le ntwana, ubawo angafa zisuka nje xa aphawula ukuba ayikho. Akasenako ukwahlukana nale nkwenkwe. Selaluphele kangangokuba angafa.

Eyeziqalo 44