Eyeziqalo 43:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yathath' unyawo yona indlala eKanana.

2. Kuthe kwakuba kuphele ingqolowa kwaYakobi eyayize noonyana bakhe eJiputa, wathi kubo uyise: “Buyani niye kusithengela into etyiwayo.”

3. UJuda wathi: “Laa mfo wasinqonqozisa, esithi akafuni nokusibona oku ukuba asizanga naye uBhenjamin.

4. Asikuya kuthenga kutya thina singahambi naye uBhenjamin.

5. Ukuba ke uyala, nathi asiyi kuya, kuba laa mfo walitsolisa, wathi singaze sivele phambi kwakhe singahambi noBhenjamin.”

6. USirayeli wathi: “Nindenzele ntoni into embi kangaka ngokuxelela laa mfo ukuba ninomnye umninawa?”

7. Bathi: “Laa mfo wayesibuza, esigocagoca ngekhaya lethu, efuna ukwazi ukuba ubawo usaphila na, nokuba ngaba sinaye na omnye umntakwethu. Saza ke thina sayiphendula le mibuzo. Besiya kwazi njani ukuba wayeza kuthi makuziwe noBhenjamin?”

8. UJuda wathi kuyise uSirayeli: “Yithi mayihambe nam le nkwenkwe, sinduluke kwangoku, siye kuthenga ukutya, ukuze thina neentsapho zethu singafi yindlala.

9. Ukuba kukho nto yenzeka kuyo woyibuza apha kum. Ukuba andibuyanga nayo isaphila, ndiya kuthwala ityala bonke ubomi bam.

10. Ukuba besingalibazisanga kangaka ngesiye sabuya, nditsho sada saphinda okwesibini.”

11. Uyise wathi kubo: “Xa kunjalo ke kulungile, phathani ezona ziphambili izinto ezivela kulo mhlaba, nise kumphathiswa lowo. Thathani intwana yentlaka yokuqhola, ubusi, intlaka emhlope, amakha, neembotyi zepistako, kunye neeamangile.

12. Ze niphathe nemali ngokuphindiweyo, kuba kufuneka niyibuyisele leya beniyifumene ezingxoweni zenu. Mhlawumbi yayifakwe ngempazamo.

13. Hambani naye ke umntakwenu, niye kuloo ndoda.

14. Wanga uThixo uSomandla angayenza mhlophe indlela yenu, ize loo ndoda inenzele inceba, imbuyisele kuni uBhenjamin nalaa mntakwenu useleyo. Ukuba mna kufuneka ndilahlekelwe ngabantwana bam, kulungile.”

Eyeziqalo 43