5. Uphinde walala, wabuya waphupha kwakhona. Ubone izikhwebu ezisixhenxe zengqolowa, zizihle, zivuthiwe, zikhula kwisikhondo esinye.
6. Kusuke kwantshula ezinye izikhwebu zengqolowa. Ezo zazintshwenyile, zimbatshiswe lulophu lwasempumalanga.
7. Ezo zikhwebu zazintshwenyile zazithi bimbilili eziya zihle izikhwebu. Uphaphamile ukumkani, waza waziqonda ukuba ubephupha.
8. Kwasa ekhathazekile yile nto, waza wathi makubizwe zonke izanuse noosiyazi baseJiputa. Wabalawulela amaphupha akhe, kodwa bonke batsho phantsi, ababi nako ukuwachaza.
9. Kuvele injoli, yathi kukumkani: “Mandiyivume namhla into yokuba ndenze impazamo.
10. Ngokuya wawukhathazekile ngenxa yam nombhaki, wasivalela entolongweni emzini womphathi-balindi bebhotwe,
11. kwathi ngabusuku buthile saphupha. Elowo waba nelakhe iphupha, engathethi nto inye loo maphupha.
12. Apho kwakukho umfana womHebhere, evalelwe nathi, engumququzeleli womphathi-balindi. Sathi sakumlawulela wasichazela sobabini amaphupha ethu.
13. Kwenzeka kanye njengoko wayetshilo: mna ndabuyiselwa emsebenzini wam, waxhonywa yena umbhaki.”
14. Ukumkani wathi makabizwe uJosefu, waza ngoko nangoko wakhululwa entolongweni. Akuba etshevile, wanxiba kakuhle, wasiwa kukumkani.