Eyeziqalo 38:27-30 Ibhayibhile (XHO96)

27. Kuthe xa kusondela ilixa lokubeleka, kwabonakala ukuba wayeza kuzala amawele.

28. Xa alunywayo elinye iwele lavelisa isandla, waza umfazi owayembelekisa wasibamba, wasibopha ngomsonto obomvu eso sandla, wathi: “Lo uvele tanci.”

29. Kodwa sabuya satshona isandla, kwaza kwavela elinye iwele kuqala. Wathi ke loo mfazi: “Wenjenje kanti ukuzivulela indlela!” Kwathiwa ke igama lalo nguPerezi.

30. Ke yena umntakwabo wavela enalaa msonto ubomvu, kwathiwa yena nguZera.

Eyeziqalo 38