27. Kuthe xa kusondela ilixa lokubeleka, kwabonakala ukuba wayeza kuzala amawele.
28. Xa alunywayo elinye iwele lavelisa isandla, waza umfazi owayembelekisa wasibamba, wasibopha ngomsonto obomvu eso sandla, wathi: “Lo uvele tanci.”
29. Kodwa sabuya satshona isandla, kwaza kwavela elinye iwele kuqala. Wathi ke loo mfazi: “Wenjenje kanti ukuzivulela indlela!” Kwathiwa ke igama lalo nguPerezi.
30. Ke yena umntakwabo wavela enalaa msonto ubomvu, kwathiwa yena nguZera.