Eyeziqalo 38:26-30 Ibhayibhile (XHO96)

26. UJuda wazazi kwangoko, wathi: “Akanatyala. Ndim ongahambanga ngesiko. Bendimelwe kukumnikezela kunyana wam uShela.” Waba uqale wagqibelisa uJuda ukulala noTamare.

27. Kuthe xa kusondela ilixa lokubeleka, kwabonakala ukuba wayeza kuzala amawele.

28. Xa alunywayo elinye iwele lavelisa isandla, waza umfazi owayembelekisa wasibamba, wasibopha ngomsonto obomvu eso sandla, wathi: “Lo uvele tanci.”

29. Kodwa sabuya satshona isandla, kwaza kwavela elinye iwele kuqala. Wathi ke loo mfazi: “Wenjenje kanti ukuzivulela indlela!” Kwathiwa ke igama lalo nguPerezi.

30. Ke yena umntakwabo wavela enalaa msonto ubomvu, kwathiwa yena nguZera.

Eyeziqalo 38