1. Ngelo xesha ke uJuda wabashiya abantakwabo, waya kuhlala nomfo ogama linguHira, owayehlala kwidolophu iAdulam.
2. UJuda wabona apho intombi yomKanana ogama linguShuwa. Wayithatha yaba ngumkakhe,
3. yazala inkwenkwe ekwathiwa nguEre igama layo.
4. Uphinde wazala enye inkwenkwe, kwathiwa igama layo nguOnan.
5. Uzele enye inkwenkwe kwakhona, yona kwathiwa nguShela. Wayehlala eKezibhi uJuda ukuzalwa kwale nkwenkwe.
6. UJuda wamfunela umfazi uEre unyana wakhe omkhulu. Igama lakhe lalinguTamare.
7. UEre wayeziphethe kakubi, loo nto yabangela ukuba *uNdikhoyo abunqamle ubomi bakhe.
8. UJuda uthe uOnan, umninawa kaEre, makadibane nomka-mkhuluwa wakhe, khon' ukuze azalele umkhuluwa wakhe abantwana ngokwesiko.
9. UOnan, esazi ukuba wayengazi kuzizalela abo bantwana, wathi rhoqo ukumane eyichithela phantsi imbewu yakhe ngalo lonke ixesha adibana noTamare, khon' ukuze angathathi, angamzaleli bantwana umkhuluwa wakhe.
10. Loo nto wayithiya kakhulu uNdikhoyo, waza wabunqamla ubomi bukaOnan.