29. Akuya kuvela kwelo qula uRubhen, wafika engekho uJosefu, wasuka wakrazula izambatho zakhe ngenxa yosizi awayenalo.
30. Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi: “Madoda, laa nkwenkwe ayikho phaya; ndiza kuyithini le nto?”
31. Banqumla ibhokhwe, baza ingubo kaJosefu bayityikila ngelo gazi layo.
32. Bayithatha loo ngubo, bayisa kuyise, bafika bathi: “Sichole le nto; khawufanise ukuba ngaba asiyiyo eyonyana wakho na?”
33. UYakobi wayifanisa kwangoko, wathi: “Yingubo yomntwanam le! Kwowu, uqwengwe ngamarhamncwa! Hayi, amqwenga-qwengile umntwanam uJosefu!”
34. Wazikrazula izambatho zakhe uYakobi, elusizi; wanxiba ezamarhonya, ezila. Wamzilela ithuba elide unyana wakhe.
35. Beza kumthuthuzela bonke oonyana neentombi zakhe, kodwa wala, akavuma ukuthuthuzeleka. Uthe kubo: “Ndiya kude ndife ndisamzilele umntwana wam.” Wazila rhoqo ke, ezilela unyana wakhe uJosefu.
36. Ngelo xesha amaMidiyan ayeselemthengisile uJosefu eJiputa kuPotifare, elinye lamagosa okumkani waseJiputa, elaliyinduna yabalindi bebhotwe lakomkhulu.