Eyeziqalo 36:9-25-26 Ibhayibhile (XHO96)

14. Umka-Esawu onguHolibhama intombi ka-Ana lo ungunyana kaZibheyon, yena wazala uJewushe, uJalam, noKora.

15. Nazi ke izizwe ezingumlibo kaEsawu: UElifazi izibulo likaEsawu, nguyise-mkhulu wezi zizwe zilandelayo: amaTema, amaOmare, amaZefo, amaKenazi,

16. amaKora, amaGatam, nama-Amaleki. Bonke aba ngabomlibo ka-Ada umka-Esawu.

17. URuweli, unyana kaEsawu, yena nguyise-mkhulu wezi zizwe: amaNahati, amaZera, amaShama, namaMiza. Bonke aba ngabomlibo kaBhasemati umka-Esawu.

18. Ezi zizwe zilandelayo zingumlibo kaEsawu ngoHolibhama intombi ka-Ana: amaJewushe, amaJalam, namaKora.

19. Zonke ezi zizwe yinzala kaEsawu.

22. ULotan wayengukhoko wamaHori namaHeman. ULotan wayenodade wabo uTimna.

23. UShobhali wayengukhoko wama-Alvani, namaManahati, amaEbhali, amaShefo, namaOnam.

24. UZibheyon wazala uAya noAna. Ngulo Ana lo wabhaqa imithombo yamanzi ashushu entlango esalusa iidonki zikayise.

Eyeziqalo 36