Eyeziqalo 36:10-13-40-43 Ibhayibhile (XHO96)

2. UEsawu watshata iintombi zaseKanana. Wathatha uAda, intombi kaElon umHiti, noHolibhama intombi ka-Ana unyana kaZibheyon, umHivi,

3. kunye noBhasemati, intombi kaIshmayeli, engudade boNebhayoti.

4. UAda wazala uElifazi, uBhasemati wazala uRuweli,

10-13. Umka-Esawu, uAda, wazala unyana uElifazi. UElifazi yena wazala uTeman, no-Omare, uZefo, uGatam, noKenazi. Omnye umfazi kaElifazi, uTimna, wazala uAmaleki.UBhasemati, umka-Esawu, yena wazala uRuweli. Yena uRuweli wazala uNahati, uZera, uShama, kunye noMiza.

14. Umka-Esawu onguHolibhama intombi ka-Ana lo ungunyana kaZibheyon, yena wazala uJewushe, uJalam, noKora.

15. Nazi ke izizwe ezingumlibo kaEsawu: UElifazi izibulo likaEsawu, nguyise-mkhulu wezi zizwe zilandelayo: amaTema, amaOmare, amaZefo, amaKenazi,

16. amaKora, amaGatam, nama-Amaleki. Bonke aba ngabomlibo ka-Ada umka-Esawu.

17. URuweli, unyana kaEsawu, yena nguyise-mkhulu wezi zizwe: amaNahati, amaZera, amaShama, namaMiza. Bonke aba ngabomlibo kaBhasemati umka-Esawu.

18. Ezi zizwe zilandelayo zingumlibo kaEsawu ngoHolibhama intombi ka-Ana: amaJewushe, amaJalam, namaKora.

19. Zonke ezi zizwe yinzala kaEsawu.

20-21. Abemi bemveli belase-Edom yayizizizwe ezimlibo ulandwa ngaba bazukulwana bakaSeyire umHori: uLotan, uShobhali, uZibheyon, uAna, uDishon, uEzere, noDishan.

22. ULotan wayengukhoko wamaHori namaHeman. ULotan wayenodade wabo uTimna.

23. UShobhali wayengukhoko wama-Alvani, namaManahati, amaEbhali, amaShefo, namaOnam.

24. UZibheyon wazala uAya noAna. Ngulo Ana lo wabhaqa imithombo yamanzi ashushu entlango esalusa iidonki zikayise.

25-26. UAna wazala uDishon, lo ungukhokho wamaHemdan, amaEshbhan, amaItran, namaKeran. UAna wayekwanentombi egama linguHolibhama.

27. UEzere wayengukhokho wamaBhilehan, amaZavan, nama-Akane.

28. UDishan yena ungukhokho wamaUzi nama-Aran.

29-30. Nazi izizwe zamaHori ezimi e-Edom: ngamaLotan, amaShobhali, amaZibheyon, ama-Ana, amaDishon, amaEzere, namaDishan.

31-39. Kwangaphambi kokuba zibekho iikumkani kwaSirayeli, ezi zilandelayo yayiziikumkani ezalawula kwaEdom, ngokulandelelana kwazo:uBhela unyana kaBhehore waseDinabha;uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera;uHusham wakummandla wakwaTeman;uHadadi unyana kaBhedadi waseHaviti, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi;uSamla waseMasereka;uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati;uBhali-hanani unyana ka-Akibho;uHadadi wasePawu omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi nomzukulwana kaMezabhi.

40-43. UEsawu wayengukhokho wezi zizwe zamaEdom: amaTimna, ama-Aleva, amaYetete, amaHolibhama, amaEla, amaPinon, amaKenazi, amaTeman, amaMibhezare, amaMagediyeli, namaIram. Ummandla wesizwe ngasinye wathiywa ngegama lentloko yeso sizwe.

Eyeziqalo 36