1. Nanga amagqabantshintshi ngoEsawu okwanguEdom.
2. UEsawu watshata iintombi zaseKanana. Wathatha uAda, intombi kaElon umHiti, noHolibhama intombi ka-Ana unyana kaZibheyon, umHivi,
3. kunye noBhasemati, intombi kaIshmayeli, engudade boNebhayoti.
4. UAda wazala uElifazi, uBhasemati wazala uRuweli,
5. waza uHolibhama wazala uJewushe noJalam kunye noKora. Bonke aba nyana bakaEsawu bazalelwa eKanana.
6. UEsawu wathatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, iintombi zakhe, nabo bonke abantu bakhe, kunye nemfuyo yakhe, nayo yonke impahla awayifumana kwilizwe laseKanana, wemka wamshiya umntakwabo uYakobi.
7. Unobangela wokuba emke kukuba lo mhlaba wawungasabaneli; imfuyo yabo yayiselininzi kakhulu.
10-13. Umka-Esawu, uAda, wazala unyana uElifazi. UElifazi yena wazala uTeman, no-Omare, uZefo, uGatam, noKenazi. Omnye umfazi kaElifazi, uTimna, wazala uAmaleki.UBhasemati, umka-Esawu, yena wazala uRuweli. Yena uRuweli wazala uNahati, uZera, uShama, kunye noMiza.
20-21. Abemi bemveli belase-Edom yayizizizwe ezimlibo ulandwa ngaba bazukulwana bakaSeyire umHori: uLotan, uShobhali, uZibheyon, uAna, uDishon, uEzere, noDishan.
25-26. UAna wazala uDishon, lo ungukhokho wamaHemdan, amaEshbhan, amaItran, namaKeran. UAna wayekwanentombi egama linguHolibhama.
29-30. Nazi izizwe zamaHori ezimi e-Edom: ngamaLotan, amaShobhali, amaZibheyon, ama-Ana, amaDishon, amaEzere, namaDishan.
31-39. Kwangaphambi kokuba zibekho iikumkani kwaSirayeli, ezi zilandelayo yayiziikumkani ezalawula kwaEdom, ngokulandelelana kwazo:uBhela unyana kaBhehore waseDinabha;uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera;uHusham wakummandla wakwaTeman;uHadadi unyana kaBhedadi waseHaviti, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi;uSamla waseMasereka;uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati;uBhali-hanani unyana ka-Akibho;uHadadi wasePawu omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi nomzukulwana kaMezabhi.
40-43. UEsawu wayengukhokho wezi zizwe zamaEdom: amaTimna, ama-Aleva, amaYetete, amaHolibhama, amaEla, amaPinon, amaKenazi, amaTeman, amaMibhezare, amaMagediyeli, namaIram. Ummandla wesizwe ngasinye wathiywa ngegama lentloko yeso sizwe.