15. Singavuma xa nina, kunye nawo onke amadoda alapha, nisaluka, nifane nathi.
16. Nolwendiselwano olu nina nithetha ngalo singalwamkela phantsi kwaloo mqathango kuphela, sihlale phakathi kwenu, sibe ngabantu abanye.
17. Kodwa ke ukuba anivumelani nathi ngale ndawo, siya kumthatha udade wethu, sifuduke apha.”
18. Yavakala ilungile imihle le miqathango kuHamore nakunyana wakhe uShekem.
19. UShekem akapholisanga maseko, ngenxa yokuba wayemthanda uDayina intombi kaYakobi. UShekem wayexatyiswe kakhulu kowabo.
20. UHamore noShekem babizela amawabo embizweni ngasesangweni ledolophu, babhekisa kuwo benjenje:
21. “Abaya bantu ngabahlobo bethu. Masibavumele bahlale bazive besekhaya apha kowethu. Mkhulu lo mhlaba; ungasanela sonke. Singendiselana nokwendiselana nabo.
22. Kodwa abaya bantu bathi bohlala phakathi kwethu, sibe ngabantu abanye, ngaphantsi komqathango omnye: lo wokuba onke amadoda aluke, afane nabo.
23. Anithi ke izinto zabo nemfuyo yabo yonke ayingebi yeyethu xa kunjalo? Masivumelane ke nabo, bahlale nathi.”
24. Laba linye kumntu wonke kubemi baloo dolophu, aza onke amadoda aluka.
25. Emva kweentsuku ezintathu, xa kanye onke amadoda aqhanile ziintlungu, oonyana ababini bakaYakobi, abanakwabo-Dayina, uSimon noLevi, bathatha amakrele abo, bangena esixekweni, bengarhanelwa bani, bafika bawabulala onke amadoda