11. Uthe ke yena uShekem kuYakobi noonyana bakhe: “Ndikhululeleni le ntombi. Ndiya kuhlawula nantoni na eniyifunayo.
12. Ndixeleleni ikhazi emandilikhuphe, libe likhulu kangangoko nifuna; nixele namabhaso eniwafunayo, ndininike. Nantoni na eniyifunayo ndingayikhupha, ukuba nje niyavuma ndimthathe uDayina.”
13. Ngenxa yokuba uShekem wayeselemhlazisile udade wabo uDayina, oonyana bakaYakobi babaphendula ngelibaqhathayo ooShekem noyise uHamore,
14. benjenje: “Asinakumendisela kumntu ongalukanga udade wethu. Into enjalo ingalihlazo.
15. Singavuma xa nina, kunye nawo onke amadoda alapha, nisaluka, nifane nathi.
16. Nolwendiselwano olu nina nithetha ngalo singalwamkela phantsi kwaloo mqathango kuphela, sihlale phakathi kwenu, sibe ngabantu abanye.
17. Kodwa ke ukuba anivumelani nathi ngale ndawo, siya kumthatha udade wethu, sifuduke apha.”
18. Yavakala ilungile imihle le miqathango kuHamore nakunyana wakhe uShekem.
19. UShekem akapholisanga maseko, ngenxa yokuba wayemthanda uDayina intombi kaYakobi. UShekem wayexatyiswe kakhulu kowabo.
20. UHamore noShekem babizela amawabo embizweni ngasesangweni ledolophu, babhekisa kuwo benjenje:
21. “Abaya bantu ngabahlobo bethu. Masibavumele bahlale bazive besekhaya apha kowethu. Mkhulu lo mhlaba; ungasanela sonke. Singendiselana nokwendiselana nabo.
22. Kodwa abaya bantu bathi bohlala phakathi kwethu, sibe ngabantu abanye, ngaphantsi komqathango omnye: lo wokuba onke amadoda aluke, afane nabo.